Indlela uDJ osakhasayo waseKhayelitsha awavelisa ngayo eyona ngoma ithandiweyo enyakeni

| NguZethu Gqola
DJ Mizz. Photo by Lethabo Mobo (for Black Mango Music).

Kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo akukho mntu wayenokucingela ukuba uDJ osakhasayo waseKhayelitsha angavelisa enye yeengoma ezinkqenkqeza phambili zika-2014: ‘uKoze Kuse’.

Inzame yomculo wehawusi ohlanganyelweyo kaDJ Mizz, Merlon noMondli Ngcobo, uvuselele imeko-bume yomculo waseMzantsi Afrika. Ingoma, eyayilungelelaniswe nguBlack Coffee, yatyunjelwa kwi-2015 Metro FM Music Award njengeyona Ngoma yeCwecwana leNgoma eyoDwa eNkqenkqeza Phambili kwiveki ephelileyo.

Esayinwe yiBlack Mango Music, uDJ Mizz, ogama lakhe lokwenene linguSanele Wili, wenze futhi icwecwana elinengoma eyoDwa enkqenkqeza phambili u-Count Your Blessings. Le kunye noKoze Kuse ziingoma zehawusi enzulu ezichukumisayo ezaba nempumelelo ngexesha leeholide zokuphela konyaka. U-Count Your Blessings wakhutshwa phantsi kweleyibheli edumileyo iSoul Candi Records kwaye uKoze Kuse phantsi kwe-M Word Productions, ngeyeDwarha kunyaka ophelileyo.

UDJ Mizz waba nendumasi emva koKoze Kuse, wenyukela kulo lonke uluhlu lweengoma oluphezulu elizweni, ekugqibeleni yaba yeyona ngoma idabhwayo yonyaka ngo2014 kwelona luhlu luphezulu lomculo wengingqi lase-SA kwiYfm.

“Ndaqamba isingqi nokudlalwa kwezixhobo zomculo zikaKoze Kuse kwaye nangayiphi na indlela uDJ Merlon noMondli badibana nayo baza banomdla kuyo,” utsho uMizz.

“Ngelo xesha bebesenza ifristayile bebukelwe kwaye benza kwanjalo kwingoma yam yezixhobo zomculo. UKoze Kuse uqale kwenye yeefristayile zabo kwisingqi endandisenzile. Babenomdla kakhulu ukukhupha eyona mveliso yokugqibela ibe yingoma kangangokuba bagqiba ekubeni bakhangele umqambi wokuqala womculo wezixhobo – mna. Ngo-Okthobha ndatsalelwa umnxeba ngu-DJ Terrance endixelela ukuba kukho abafana abathile baseThekwini [uMerlon noMondli] ekudala bezama ukuqhagamshelana nam ngokuphathelele kwisingqi sam kwaye beyikhupha njengengoma ehlanganyelweyo. Usuku olusemva kolo lokutsalelwa umnxeba saye sathetha sonke, sathethathethana saza saqalisa ukwenza ingoma entsha,” utsho uMizz.

UJanyuwari yafika waza uMizz wenza ingoma yakhe ezibulayo kwi kwi-Expresso Showu apho wayedlala ingoma yakhe ‘uEmotic Drums’, ingoma ekwicwecwe le-Love & Dedication, ebonakalisa uluhlu olunkqenkqeza phambili lweengoma zehawusi enzulu echukumisayo ezinesandi esisodwa kwaye zincediswa zizixhobo zomculo ezininzi. Izinto zaba ngcono nangakumbi ku-DJ oneminyaka engama-23 ubudala ukuphuma koluhlu lokuTyunjelwa iiMbasa koMculo weMetro FM ye-14 kwiveki ephelileyo, uKoze Kuse uqhwatyelwa izandla kudidi lwelona Cwecwana leNgoma eyoDwa eliNkqenkqeza Phambili.

“Ukutyunjwa kwakusenza imincili! Kodwa ke ngenene ndandikulindele kuba nanini na ndithetha noMerlon wayendixelela ukuba le ngoma iza kwakha ikamva lam,” utsho. Enemincili ngomsitho oza kubaseThekwini kwinyanga ezayo, uMizz uza kuya eKZN neqela lakhe lolawulo nabaqulunqi bomculo abangabanye nanjengoko benethemba lokubuyela ekhaya nendebe. “Oku kutyunjwa kuyinto yonke kum. Ukusebenzisana nje kodwa nabantu abanje ngoMerlon, Mondli noBlack Coffee oko kundivulele iminyango emininzi kwaye kwandidalela amathuba amaninzi njengegcisa eliselitsha. Ndifunde futhi okuninzi malunga nolu shishino nomgangatho nezinga lomculo endifanele ukuba ndiyawenza,” utsho.

UMizz ebesoloko eqamba umculo ukusukela ku-2007 kodwa wenze isigqibo sokuwulandela njengekhondo ngo-2011. “Bendisoloko ndiwenza umculo ukubonakalisa uvuyo nolonwabo kum,” utsho. “Uninzi lolo vuyo nolo lonwabo ndizame ukuzibandakanya kwiingoma kwi-EP Love & Dedication yam yakutshanje. Abantu abazi ukuba uMizz ngubani ngako oko ndizamile ukukuvelisa oko kumculo wam,” utsho. Asakubuzwa malunga ngokumkhuthazayo emculweni wakhe, uMizz uthi ‘Kuyazenzekela,’ kwaye akukho ndlela icwangcisiweyo yokuqamba ingoma – izimvo ziyazizela kuye. Kwimidlalo eku-YouTube uKoze Kuse sele ebonwa ngabantu abangaphezulu kwama-400,000.

Enye yeengoma zakhe ezintsha, u-Count Your Blessings iqhuba kakuhle, ibonwa ngabantu abamalunga nama-200,000 ku-YouTube. Ingoma leyo yinzame yokusebenzisana noRabs Vhafuwi kwaye ancedise uPeter Ndlala ngesaksofoni neetrampethi, kunye noDavid Mayekane ngesiginkci.

“Ukusebenza noBlack Mango bekumnandi kakhulu,” Utsho uMizz. “Babona isakhono esingaphaya kum kwaye bandinceda ngokwenene ukuba ndifumane umculo wam nowamanye amagcisa aselokishini apho, besibhukishela udliwanondlebe esilufunayo ukuqhubela phambili amakhondo ethu. Ndenza endinako kwaye banikeza abanako. Lubambiswano oluluncedo kakhulu nolusebenzayo.”

Ngamacwecwana eengoma ezimbalwa ezizodwa ezizayo kungekudala, uza kufuna ukuthi ntsho kumqulunqi womculo osakhasayo. Mamela i-Love & Dedication EP yakhe ku-Traxsource. Mlandele apha @DeejayMizzSA. Ungamvotela uMizz ukuba awine ukwenza iCwecwana leNgoma eyoDwa eNkqenkqeza Phambili kwi-Metro FM ngokuya ku-www.metrofm.co.za uze ulandele imiyalelo.

TOPICS:  Arts and culture

Next:  State ownership does not equal socialism

Previous:  Ethical trade body fails farm worker

© 2016 GroundUp. Creative Commons License
This article is licensed under a Creative Commons Attribution-NoDerivatives 4.0 International License.